Uvuko Lwabafileyo

Enkosi ngomhla wovuko lukaYesu emva kweminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, kuseza imini yovuko lwabalandeli bakaYesu.
“Mlandeli othandekayo asifuni ungayithatheli ngqalelo into yabafileyo ukuze uhlale ukhathazekile njengabalandeli beMatrix abangenathemba. Njengoba sikholwa ukuba uYesu wafa waphinda wavuka, siyakholwa njalo ukuba uThixo uBawo ngoNyana wakhe uYesu, uyakubabuyisa abo balele ukufa behlangene naye. Sikuxelelwa oku ngeLizwi likaThixo ukuba abo baphilayo abasayi kubaphangela abo balele ukufa.(1Tesalonika4v12-15).
Ubuhle obunjalo! Ukuba uYesu unokubuya namhlanje abalandeli bakhe abaphilayo baya kumbbona esihla emazulwini, kwangelo xesha bangqine ikuvuka kwabalandeli abaphuma emangcwabeni emva kwamakhulu-khulu eminyaka.
Ukuba uYesu unokubuya ngoku ndingakungqina ukuvuka kwabafileyo ngoba “umhlawokugqibela” uzakube ufikile: ekuphela komhla abayakuvuka ngawo abafileyo.
UThixo unguThixo wabaphilayo haayi abafileyo. Ufuna ndiphile ngonaphakade.”Zonke izinto zintle ngexesha lazo nephakade ulinikele entliziyweni yam” (Intshumayeli 3v11) eli lizwi lindixelela ukuba ndandidalelwe ukuphila ngonaphakade.
Ngokunjalo abantu banqwenela ukungafi kuba noThixo ufuna siphile ngonaphakade, kuyinyaniso ukuba abantu bazakuqhub)ka besifa, kodwa iparadesi eqinisekileyo indilindile: lithemba elithi uMdali kazwelonke aqhubeke elenza kwizizukulwana ngezizukulwana kude kufike imini yokugqibela.
Ezimbalini uYesu wavuka kwakhona , nam ndiyakuvuka ngokwasezimbalini. Le yiMfundiso ngoKristu ngeNdaba eZilungileyo zobomi obungunaphakade ekubuyeni kukaYesu!

Login

Lost your password?

Enable Notifications OK No thanks