
Izigidimi ezithathu ze Matrix
UYesu ufuna ukubona bonke abalandeli bakhe abangamaKristu ohlukeneyo ngenkolo emanyene kwintshukumo enye yasemoyeni, eyohlukileyo kuleyo yeBhabheli.
Okunene yintshukumo elubeka phambili unxibelelwano kunye noMdali.
Imithetho yalentshukumo nomongo wokubaluleka kwayo uqulathwe kwizigidimi ezithathu ezikwi ncwadi yeSityhilelo ukuba uYesu unantonina ngabemi baseBhabheli.
Isigidimi sokuqala:Hlalani nilindile ndiyabuya kwakhona!
Isigidimi sesibini: Yishiyeni iBhabheli nbonakilise isimilo sokuhlonela mna!
Isigidimi sesithathu:Gcinani imithetho kaMdali uThixo engajikajikiyo!
INkosana yeBhabheli izakuqumba ingavumelani nalentshukumo yeNGELOSI ezintathu, idale imfazwe ilwe umzekelo “abo bazakube begcine imithetho kaThixo bengqina nangoYesu”(iSityhilelo 12v17)aqulunqe intshukumo yempixwano yasemoyeni enobuxoki, nesililo, nokulahlekisa okukhulu phambi kokubuya kukaYesu.
Ingaba ndikulungele ukuzibandakanya nozwelonke “wasemoyeni olungileyo” kuba ndifuna ubuhlobo nobuzalwane kunye neBhabheli?
Ukuba impendulo yam ngu”HAYI” ngoko ke ubuKristu bundifanele bundilungele.














