Wamkelekile kwi Matrix

Okokuqala ndivumele ndikunike iingcebiso ezilishumi ngobomi bakho kwi Matrix:
1.Hlala ucinga ngenkangeleko yakho, iyakwenze ophumelelayo.
2.Hlala usidla , usela, uzonwabisa, ngeyona nto iphucukileyo leyo kwiBhabheli.
3.Hlala uzicingela wena wedwa, ummelwane wakho angaba lutshaba lwakho.
4.Hlala ubukele umabonakude ngalo lonke ixesha, iyakuba sisikhokelo sakho kwinto yonke.
5.Hlala umamele umculo kunomathotholo, iyakuvisa kamnandi lonto naphina ngalo lonke ixesha.
6.Hlala ufunda awona maphephandaba aphucukileyo exabiso, ayakusoloko ekwazisa ngokubalulekileyo.
7.Hlala uphila elukholweni, iyakusindisa lonto.
8.Hlala uthabatha imali yakho uyinika osozimali, bayakukulondolozela yona.
9.Hlala uthembele emayezeni ngempilo yakho, ayakukukhusela.
10.Hlala umele uphando ngoThixo kwinkokheli zezibhalo ezingcwele, basebenzela ukuya kwilizwe elitsha , nokuphila emoyeni, phezu kwako konke….
ungaxhalabi khulula ingqondo yakho, ukhona umntu onokucingela!!!
Ndingubani mna? Bathi ndiyi Nkosana yehlabathi, kodwa ndifuna ukuzibona ngaphezulu koko ndingumzisi wokukhanya

Login

Lost your password?

Enable Notifications OK No thanks