Uvananyo Lobuzali

Uvavanyo lobuzali lwenziwa xa kufunwa ukuqinisekiswa oyena tata, umzekelo ukuba indoda ingoyena tata walomntu okanye ayinguye. Olovavanyo lubalulekile ukufumanisa amalungelo noxanduva lukatata. Yenziwa ngokutsalwa kwegazi, nolwelo lwangaphantssi. Xa kusenzeka umitho amagazi abazali ayadibana kudaleke into engumntu.lonto yakhekileyo isuka kubazali bobabini. Ngokufuna ukwazi umahluko wokuba igazi lihambe njani eli lalomntu ndingafumanisa ukba lomntu usuka komphi umntu. Ukuba kunjalo lonto ichaza ukuba umnombo walomntu usuka komnye waba bantu.
UYesu ngokuwayetshutshiswa yinkosana yeMatrix(injengele yenkosi yomphathi WEMIMOYA ENGENDAWO)entlango, wabonisa ubunyani bakhe basemoyeni. Akazange aphendule ngokwahluka kwezozihendo zithathu esebenzisa iimvakalelo zakhe zobuntu, amandla nobulumko, kodwa uphendule ngempendulo elula ecacileyo”Kubhaliwe kwathiwa” Ewe iBhayibhile yayisoloko iyintinga kaYesu ubomi bakhe bonke elapha emhlabeni. Ngalendlela UYESU Waloyisa uvukelo ngentobeko nokuzithemba. UYESU wayengowona mzekelo ugqibeleleyo wegazi lasemoyeni emntwini kwaye ukufana naye ndibeChristian-style yeyonanto ibalulekileyo ebomini bam.
Usuka phi umnombo wegazi lam lasemoyeni? Ingaba zithini iziphumo zikatata wam zasemoyeni? Ingaba ndifuna ukaba ngumntwana kabani? Ingaba nisamkele isimemo sikaYESU sokuphuma kwiMatrix,ndibuqonde ubukho begazi lakhe kum, okanye ndigqibe ukuba ngumntwana womnye utata oyakundiphawula ngophawu lobubi?
Kungenjalo ndikheta uMoya oyiNgcwele, uThixo igazi lomdali eliqulathe ulwazi olubalulekileyo lokukhulisa ingqondo nokulungisa umsebenzi wendalo yakhe yonke, okanye ndizisa mna ngokwam kubomi bobubi obundilindileyo! Kufuneka ndikhethe uThixo wobomi obungapheliyo!

Login

Lost your password?

Enable Notifications OK No thanks