Umphi Wokukhanya

UThixo wamdala uLusifa ngokugqibeleleyo, enobungcwele , nenkangeleko yobuhle egqithisileyo.
Wayefana kakhulu noThixo, waze uThixo wmnika iitalente ezingaqhelekanga wambeka kwizihlalo eziphezulu emanqwanqweni, phakathi kwezinye iingelosi ngaphandle kokubuza nto.
*ULusifa wayeyona kherubhi ibalulekileyo kunazo zonke, esesona sidalwa siphakamileyi sinamandla kunazo zonke ezisezulwini.
Wayesondele kakhulu kwitrone kaThixo kwaye enambitha olona nxibelelwano luthe nca kuThixo.
*Wayembathiswe bubuqaqawuli bukaThixo namandla nozuko.
*Eli gama likaLusifa lakhethwa nguThixo elithetha “UMPHI WOKUKHANYA”
*ULusifa wayelunxibelelwano lwengqibelelo, enobulumko, egqibelele ngobuhle, wayesesitiyeni sase Eden, isitiya sikaThixo.
*Wayelawula kwezomculo ezulwini yalungelelwaniswa lonto kwasekudalweni kwakhe.
*ULusifa wayeyintaka eyayinamaphiko avulekayo, umkhuseli.
*Wayegqibelele kwihambo yakhe sukela ngemini wadalwa, kwade kwaba yilomini inkazimlo yobubi yathi yafumaneka kuye.(Ezekiel 28v12-15) !

Login

Lost your password?

Enable Notifications OK No thanks