Ukukhazima Kobubi

nangona uThixo wamdala wabamhle uLusifa wamnika ubunganga obungaphezulu kwezinye iiNGELOSI, akazange amohluthhe amandla okusebenzisa iitalente zakhe gwenxa. Ebenakho ukuqhubekeka ephillela uzuko lukaThixo, ethandwa ehlonitshwa zizo zonke iiNGELOSI. Izipho neetalente zakhe beziya kuhlala ziyintsikelelo kwezinye izidalwa kwaye zinike noThixo uzuko olukhulu. Kungenjalo, uqale ngokufuna uzuko lwakhe kwaye wasebenzisa amandla okufuna ukuhoywa. Ufune iiNGELOSI azilondolozayo ziqubude kuye kunokuba kunokuba zizithobe kumthetho kaThixo. Kancinci kancinci, umnqweno wekratshi wakhula kuye ngaphakathi…nangaphandle kokuba iimpawu zakhe zisuka kuThixo,waba nokuzithemba. Ukholelwe ekebeni ubulumko bakhe abusuki kuThixo kodwa busuka kuye. Ngokweziphumo, uzixelele ukuba ufanelwe luzuko namandla njengoThixo.Ngoko ubukumkani obunesiphithiphithi bazalwa, kubuKumkani bukaThixo obunesidima nesithozela.
ULusifa wayesazi ukubauyathandwa kakhulu ziingelosi. Unesikhundla esiphezulu kunazo, kodwa, ngaphakathi entliziyweni yakhe. Wakholiseka leligugu lalenjong yakhe. Wayeyazi ukuba angathembela kwintlonipho nokuthandwa kwakhe ziiNGELOSI. Imisebenzi yakhe emikhul yamenza wahlonipheka.ULusifa wayehlala kufutshane noThixo etroneni agqunywe bubuqaqawuli. Ngochulumanco olukhulu uqwalqsele ukuba iiNGELOSI ziyayithobela imithetho yakhe. *Ingaba iingubo zakhe zazingekho ntle zinengqibelelo? *Kutheni lento kufuneka kukhethwe uYESU kunaye??
Ingelosi zazisazi ngobunganga bukaYesu kwaye zimthanda zimamkele. ULusifa wayequbuda kunye nazo zonke, kodwa kuye entliziywenibambano engaqhelekanga neyoyikekayo yayisondele. Ukunyaniseka, nokuthembeka, nempatho elinganayo kwala nomona entliziyweni yakhe….. Wayifuna nzulu into yokuphatha nokulawula, efuna ukuthabatha amandla kaYesu.ULusifa waqalisa intsebenzo yakhe njenge “nkosana yeMatrix” enyusa iNgxolo eNkulu” yobubi, eqalisa uvukelo kwaye exhokonxaukungazinzi kwiNGELOSI ezingaphantsi komthetho wakhe. Ukwazile ukulahlekisa inkitha yeeNGELOSI phambi kokuba ezona njongo zakhe zivele zibonakale.
Uhlaselo lukaLusifa yayikukuchitha umthetho nembonakalo kaThixo phambi kokuba abantu basezulwini baqalise ukufikelela kwiqondo elithile lempumelelo. IINGELOSI ezininzi zavumela ukuhendwa ngamazwi akhe. Nangona kunjalo loo nkangeleko yempumelelo yakhe yaphela ngoloyiso, eziphumo zayo ezabangela iyantlukwano kuye noThixo nokugxothwa ezulwini. Ngelishwa abantu baseMhlabeni kwelicala bamamkela. “Indalo yobubi , novukelo lwayo kuphephezela emhlabeni wam uLusifa ujike wayiMatrix yoMhlaba, ezenza umlawuli ogqibeleleyo ukususa ilungelo lam” Intshukumo yokugqibela kukufumana uYesu umnini wehlabathi (Psalm24v1) angxininise kwibango Lakhe kulomhlaba awudalileyo, njengoba esazi uLusifa engumlawuli wawo omtsha.!

Login

Lost your password?

Enable Notifications OK No thanks