Inegelose yesikhundla esiphezulu

UYesu unguthixo uyakuhlala enguThixo nomdali njengoBawo, wehla ngokuzithandela weza kwizinga leeNGELOSI ekudalweni waba ngumlawuli wazo owongameleyo….diyabona ukuba uThixo uNyana, ngokuza kwakhe emhlabeni utshintshe wabangumntu, wehla okwesibini ngokuzithoba usuka kuThixo uNyana noMikhayeli iNGELOSI ekubeni nguYesu umntu…..wasuka ekubeni nguMdali neNkosi yomkhosi weZulu waba nguMsindisi wendalo yakhe engabantu. ULUSIFA kwelinye icala ufuna unyuka ekubeni sisidalwa abe kwisikhundla sokuba nguMdali. “Ufuna ngazo zonke iindlela ukulingana nalowo uPhakamileyo uNgcwele” (Isaya14v14) Ufuna isabelo siAYesu uNyana kaThixo ngazo zonke iindlela. *Umahluko ongako phakathi kokuthobeka kukaYesu kunye nempakamo nokuzithemba kukaLusifa isidalwa.
UThixo uBawo wazama ukumjika uLusifa, wohlwaywa kodwa esenalo ithuba lokungena etroneni kaThixo kwade kwayofa uYesu emnqamlezweni. Emveni kovuko uYesu waqabela ngaphaya ngoloyiso ngenxa yokuzincama kwakhe, uYesu wakoyisa uKufa kunye nemimoya yobubi. IBhayibhile kwi(Sityhilelo4)sichaza ukubekwa kukaYesu etroneni ehleli ekunene kukaThixo uBawo. Kungenjalo kokuba kwenzeke konke oku inkosana yeMatrix yagxothwa ezulwini, kunye naloo nkitha yooMOYA ABANGENDAWO.
*Kwimfazwe yokugqibela phakathi kokubi nokulungileyo inkosana yobuxoki, ukuze akwazi ukulahlekisa abalandeli bakaYesu uyazula enze nemiqondiso (Mateyu24v24, iSityhilelo13v13) kodwa uThixo uyakunqanda oko njengesiqheol, njengeNkosi, umgqugquzeli wezulu, kwaye uyakoyisa uMikhayeli: *Ngelo xesha uMikhayeli uyakonyuka , iNkosi enkulu, uMkhuseli wabantu babantwana bakhe…..kwaye abantu bakhe baya kusindiswa.(Daniyeli12v1) !!

Login

Lost your password?

Enable Notifications OK No thanks