
Umphefumlo othengisiweyo
Kwinyaka eliwaka eyadlulayo uYesu wayedibana nabantu ababengenwe yiMIMOYA ENGENDAWO. Bebeyakuphuma amagwebu amancinci emlonyeni, imbonakalo nengqiniseko yobulwanyana emntwini besoyika abo babukeleyo. Nangona namhlanje kungaqhelekanga ukubona oko kusenzeka ukuphathwa “yilemimoya ingendawo” Ingaba kuqinisekile ukuba kwiminyaka engamawaka amathathu ezayoizakube idiniwe, ingenamandla okulawula abantu nehlabathi lonke kulomkhuba ngokupheleleyo? Ingaba kunyanisekile ukuba akesekho balandeli beMatrix abathengisa ngemiphefumlo yabo kwinkosana ngokufuna imali, isikhundla, udumo, (ukulalana) nombulo? Ingaba ndiqinisekile?
KwiMatrix umntu onemimoya engendawo akabonakali ephambene , ukhangeleka njengeNGELOSI, njengomntu oqhelekileyo ongabonakalisi kwenza izinto ezingalunganga, kodwa ufihlakele uzinikele kwiMIMOYA ENGENDAWO, ukungathembeki, kwikratshi, kwinkohlakalo, kubuxoki, nakuso nasiphina isimilo esiyingxaki abanaso esitshabalalisa sijike ukufana kwabo nabalandeli bakaYesu.
Yonke imihla kwisigqibo ngobomi bam kuzisa ungquzulwano engqondweni yam nokwazi okubi nokulungileyo.
Kwelinye icala kukho IINGELOSI ezizisa inyaniso nokuziphatha kwasemoyeni okunothando, nomthetho, nenyaniso.
Kwelinye icala kukho IMIMOYA ENGENDAWO edlala ngekratshi lam lendalokunye nezimo zesimilo sam sokungalungi endikwaziyo ukuzilawulA ndizikhuphe entliziyweni yam.
Kulemihla ukuba “NEMIMOYA ENGENDAWO” akululanga ukubonakala njenga kwimihla yamandulo….
Izimela ngaphaya kwesimilo sam sokungagqibeleli, kwimpazamo nganye, nokungaphili kakuhle okungqubanayo endiyekileyo nokulwa.
*Ukuba UMOYA ONGENDAWO wekratshi, nokuqhela inkohlakalo ziyandihlasela ngoko ke ndizinikele kuloo MOYA UNGENDAWO! Mingaphi imimoya engendawo Ekusafuneka ndiyikhuphe “kwimfihlakalo yam”?Yonakele kangakanani intliziyo yam? Kuyakude kube nini ndizikhusela ndibonakalisa ubukho bazo “ebomini bam”? Ayikho enye indlela njengomntu okwiMatrix kukutshintsha ngokwasendalweni ndiphume kwiMatrix-style ndingene kwiChristian-style…ngokuqinisekileyo ndiphume kwiMIMOYA ENGENDAWO ndibe yingelosi, inye indlela yokubonakalisa ok nguYESU yedwa. Ngokuqinisekiley ilizwi lakhe liyandithembisa(Hezekile 36v26) ndiyakulisusa kuwe intliziyo yeMatrix emzimbeni wakho ndikunike UMZIMBA onobungcwele. Ubomi bam ndibubeka ezandleni zikabani? Ingaba ndithembe bani ngokulawula intliziyo yam? NguYESU ngokuqinisekileyo njengoko wenza njalo kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo , unako ukuyikhupha IMIMOYA ENGENDAWO ebomini bam, andincede andikhulule ngokwasenyameni nangokwasemoyeni.
UYESU Nguye yedwa onokucoca intliziyo yam kweyona MIMOYA ENGENDAWO.
uYESU nguye yedwa onokundikhulula “ebubini” obulawula bonke abalandeli beMatrix ngaphezulu okanye ngaphantsi ngokucacileyo.














